Book contents
- Frontmatter
- Contents
- List of Illustrations
- Maps
- Acknowledgements
- Networks of Solidarity: D.D.T. Jabavu’s Voyage to India
- Revisiting D.D.T. Jabavu, 1885–1959
- Notes on the Original and the Translation
- In Praise of Cecil Wele Manona, 1937–2013
- E-Indiya nase East Africa
- In India and East Africa
- Afterword: Jabavu and African Translations for the Future
- References
- Editors’ Biographies
- Index
Isahluko 2
Published online by Cambridge University Press: 27 March 2020
- Frontmatter
- Contents
- List of Illustrations
- Maps
- Acknowledgements
- Networks of Solidarity: D.D.T. Jabavu’s Voyage to India
- Revisiting D.D.T. Jabavu, 1885–1959
- Notes on the Original and the Translation
- In Praise of Cecil Wele Manona, 1937–2013
- E-Indiya nase East Africa
- In India and East Africa
- Afterword: Jabavu and African Translations for the Future
- References
- Editors’ Biographies
- Index
Summary
Calcutta
Emini enkulu sibone siyingena idolophu iCalcutta eyeyona inkulu eIndiya ngobuninzi babantu (6 millions) ilandela iLondon kwizithanga (empire) zasemaNgesini nangokutwezeka komhlaba emi kuwo, isityatyabesha esingathi asiphele ndawo. Esitishini ziintlantlu ngeentlantlu zemigaqo kaloliwe ekhumbuza eyakwaBulawayo ngobude. Abantu banyakazela oku kweembovane zobugqwangu, zaye zonke iiplatform zinabantu abadinwe bazizityambele kukuyotywa bubushushu, nabaqungquluzileyo abangathi abanakhaya limbi, nezishwayimbana ezingqiba imali kumntu wonke, usizi lweentsizi. Nasekhaya eAfrika andizange ndizibone iimfebenge ezilamba kangaka. Ngenene iIndiya elisilambi eIndiya liphantsi kunomAfrika osisilambi eAfrika kuba libhitya libe ngamathambo odwa. Thina siqinisa intamo siqwanye naxa siziimfebe zamahlwempu.
Ulwamkelo
Samkelwe ngobubele obungazenzisiyo ngamalungu ekomiti esimenywe yiyo, iindlezana zamaIndiya agqobhokileyo ekuhleni kwethu kuloliwe kuqokelelwa iimpahla namagama ethu. Kubonakele kuvuya nabakwaRhulumente abaqokelela amatikiti emasangweni xa eva kusithiwa ‘Pacific Conference Delegates!’
Ekubeni siphumile sihlohlwe ezimotweni sesiyokozela zizidanga zamagqabi neentyatyambo (garlands) esigangxwe zona ezintanyeni ngabaphuthumi bethu. Gqi, intyonkobila yomlambo iHoogly emi phezu kwayo le dolophu nolisebe leGanges kuba ilungena ulwandle se iyiminwe emininzi (Delta) ngokweNile eJiphethe kukufumbelela kwentlabathi yawo egilana neyolwandle. Zilapha iinqanawa zeendidi zonke kuba umlambo lo uzilungele ngamashumi amathandathu eemayile ukusuka echwebeni.
Ingxinano yezinto ezihambayo nezibalekayo ezitratweni iyelele kweyaseBombay, koko apha esona silo sibalulekileyo ziinyathi ezitsala iinqwelo zaye zibotshwe ngambini nangantathu zityhuda phakathi kweemoto nabantu ngohlobo oloyikisayo: naazo ezinye zizihambela zodwa zisitya ingca emagotyibeni eendlela nezindlu kwalapha edolophini, zibe zithe saa neenkomo neebhokhwe. Yingxovu yedolophu le, bawo. Ndibone nabafazi abathwele iingqayi zamanzi entloko ngokwabasemaphandleni.
Izakhiwo ziingxwabulukula ezinamabanga amaninzi ukuya phezulu kanye njengaseJohannesburg, zaye zixinene ngohlobo olulodwa. Sityhutyhe umgama ovileyo, saya kungena phantsi Okwaloo mini siphumle salala apha saza sanduluka ngengomso ukusinga kwindawo eliziko lentlanganiso esizele yona. Kuse olungaliyo ngoLwesithathu 30 kweyeNkanga 1949, sangena kuloliwe ophuma eCalcultta esiya eBholphur (90 miles) ekuthe ekuhleni sehla sesibaninzi ngenxa yokungenelela endleleni kwabavela macala wambi kwabanye oololiwe: kwayinkungu nelanga ngabantu esitishini beze kubukela xa sikhwela ezibhasini ezicanda isixeko sabo.
Santiniketan
Emva kweemayile ezine singenile eSantiniketan, ‘Iziko loXolo’ (santi, peace; ketan, place), elakhiwa ngumfi uSir Rabindranath Tagore, umlingane kaGandhi. Silaliswe ezintenteni kanye ngokwaseJerusalem, ngabathathu nangabane.
Abathunywa abavela kundawo ezikwaseIndiya baba malunga nama-40, saza thina bawele ulwandle sakuma-60, ukuze sisonke sibe likhulu: amagama ethu ingala: David Acquah (Gold Coast, West Africa) umfo omnyama ngokupheleleyo: A.C. Barrington (New Zealand): L. Bautista (Philippines); abaseMelika U.S.A.
- Type
- Chapter
- Information
- In India and East Africa / E-Indiya Nase East AfricaA Travelogue in isiXhosa and English, pp. 81 - 107Publisher: Wits University PressPrint publication year: 2019