Book contents
- Frontmatter
- Contents
- List of Illustrations
- Maps
- Acknowledgements
- Networks of Solidarity: D.D.T. Jabavu’s Voyage to India
- Revisiting D.D.T. Jabavu, 1885–1959
- Notes on the Original and the Translation
- In Praise of Cecil Wele Manona, 1937–2013
- E-Indiya nase East Africa
- In India and East Africa
- Afterword: Jabavu and African Translations for the Future
- References
- Editors’ Biographies
- Index
Isahluko 3
Published online by Cambridge University Press: 27 March 2020
- Frontmatter
- Contents
- List of Illustrations
- Maps
- Acknowledgements
- Networks of Solidarity: D.D.T. Jabavu’s Voyage to India
- Revisiting D.D.T. Jabavu, 1885–1959
- Notes on the Original and the Translation
- In Praise of Cecil Wele Manona, 1937–2013
- E-Indiya nase East Africa
- In India and East Africa
- Afterword: Jabavu and African Translations for the Future
- References
- Editors’ Biographies
- Index
Summary
Bhazalala
Okunene ngoLwesihlanu 9 kweyoMnga 1949 kuthe bhazalala kwayimpithizelo efana neyeenyosi zingqutywe luphondo lwekhwange ukuqokelelwa kwempahla yethu ezibhasini eziya esitishini saseBholpur. Umgama (90 miles) wokutya eCalcutta siwufeze emini emaqanda safika sihlangatyezwe ziikomiti ezivuza ububele, ubuso bazo bubobotheka ngenkenkesi yoncumo. Ehla! Sabunyathela buzihlalele ububele singeniswa ezimotweni eziya kulaa mzi sasifikele kuwo eUpper Wood Street. Apha sithe sabizwa okokuba siye kuhlala kwimizi ngemizi ngale ndlela yeendwendwe zeSinodi neKomfa yetyalike. Mna ndalathelwe emzini wesigwili segqwetha elihlala kumphokomela wesakhiwo esingathi seseRhuluneli, esimabanga akhweleneyo. Lo mfo uneemoto ezintlanu, neenkalimeva zombini zeeRadio Wireless ezixabiso lisekhulwini leeponti inye, enye ikumagumbi akhe, enye ingakum kuba undabele indlu iphela neendawana zayo zokuqubha nezangasese. Kuthe kanti bonke abathunywa aba bakhethelwe amakhaya eengcungcu ezimilomo mide ekrolonca incindi esenzulwini. Ndifumene zifele apha iincwadi ezifundekayo, ndafunda ndifundile, Lawu. Ezimotweni zakhe undinyulele eyam ndodwa kunye nomqhubi wayo wathi yeyakho ke le, iya kukusa naphi na apho unqwenelayo kwezi ntsuku zimbini ulundwendwe lwam, kuba ububanzi beCalcutta abunakufezwa ngezicatyana zakoTshiwo. Okunene kube njalo, kwasa ngoMgqibelo 10 kweyoMnga 1949 le moto ibomvu isisibhekede isenza ingqobe ukunyuka isihla isixeko esi, umqhubi esalatha ooni nooni esithi le indlu yeyento ethile, leya yeyenye into, amaqakabhodo aphaya ngomphakamo nabengezelayo ngobuhle; kuthi kwakufika ilixa lokutya afike ngokwakhe umnumzethu endifikele kuye, andise kwihotele yodidi oluphezulu apho kudekwe izinamnam zodwa, sizenzele ke mfondini.
Emini emaqanda kungene ikomfa yeembali zeencwadi (World Association of Writers) ebizwa ngokuba yiP.E.N. (Plays, Essays, Novels) ebe ndithunyelwe isimemo kuyo kwa ndisafika kweli lizwe. Amalungu ayo abemaninzi ngokumangalisayo, baye bekholise ngokuba ngabantu abanamagama adumileyo. Kujikeleziswe iziphungo, baziswa bonke omnye komnye kwayintswahla.
Ingqungquthela le yabaxolisi yayimiselwe isiyikayika sentlanganiso yangenjikalanga yokuba ithethe phambi kweCalcutta iyonke ngobukhulu bayo, ethe yangenela kwibhotwe leNizam of Hyderabad. Umnini weli bhotwe kudala sisiva kusithiwa ngomnye wezityebi ezihlanu eziphambili kwihlabathi liphela. Igama lakhe nguAga Khan, ithole lomnombo ozalwa yingotya (progenitor) uMahomete ngenkqu. Ngeso sizathu ke izishumi zawo onke amaMoslem zinikezelwa kuye yonke iminyaka. Uhlala eParis (France) kodwa enyakeni wenza uhambelo eEast Africa naseIndiya, abekwe esikalini alinganiselwe nesilivere, ibe sisipho kuye yonke loo mali; ngomnye umnyaka aveyishwe negolide, nayo ibe kwa yeyakhe, inqwaba yona, kuba ngumqhabasholo wendoda ngobunzima (217 lbs). Nyakenye kuqokelelwe iidayimani zada zalingana naye, waziphiwa! Kukho nebali elithi eParis wayenegumbi akholwa lilo kwihotele awayethanda ukufikela kuyo. Kwathi mhla wafika ngequbuliso seliqeshwe yenye injinga wakhathazeka, wasel’ eyithenga yonke loo hotele ngemali ekwisigidi seeponti (£1 200 000) yayeyakhe unanamhla esenzela ukuba alale kwelo gumbi engasaxoxiswa bani.
- Type
- Chapter
- Information
- In India and East Africa / E-Indiya Nase East AfricaA Travelogue in isiXhosa and English, pp. 108 - 127Publisher: Wits University PressPrint publication year: 2019